Kufilemon 1:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Kristu.

4. Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhumbula emithandazweni yam,

5. ndiluva nje olwakho uthando, nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu, nakubo bonke abangcwele,

6. ukuze ubudlelane bokholo lwakho bube nokusebenza ngokwazi konke okulungileyo okukuni, kuse kuKristu Yesu.

7. Kuba sinovuyo nothuthuzeleko olukhulu ngalo uthando lwakho, ngokuba izibilini zabangcwele ziphunyuziwe ngawe, mzalwana.

8. Kungoko endithi, nakuba ndinako ukungafihlisi okukhulu kuKristu, kokuba ndikuthethele okufanelekileyo,

9. noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndĂ­ngonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu.

10. Ndikubongoza ngenxa yomntwana wam, uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni;

11. obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum unoncedo oluhle. Lowo ndimbuyisele kuwe;

12. wena ke mamkele, oko kukuthi, yamkela izibilini zam;

13. ebendinga mna ndingasendihlala naye apha, ukuze athi endaweni yakho andilungiselele, ndĂ­sezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi;

Kufilemon 1