Izililo 3:37-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Ngubani na okhe wathetha, kwenzeka, iNkosi yam ingawisanga mthetho?

38. Akuphumi okubi nokulungileyo emlonyeni wOsenyangweni na?

39. Yini na ukuba umntu akhalaze ephilile?Umfo makakhalaze ngenxa yezono zakhe.

40. Masiziphengulule iindlela zethu, sizigocagoce, sibuyele kuYehova.

41. Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizisé kuThixo emazulwini.

42. Thina sikreqile saba neenkani; wena akuxolelanga.

43. Ùzigqubuthele ngomsindo, wasisukela; ubuléle akwaconga.

44. Ùzigqubuthele ngelifu, ukuze ungaphumeli umthandazo wethu.

45. Ùsenzé inkunkuma, imvuthuluka esazulwini sezizwe.

46. Zisakhamisele umlomo wazo zonke iintshaba zethu.

47. Kokwethu ukunkwantya, nomgongxo, nesibatha, nokutshabalala, nokwaphuka.

48. Iliso lam lihla imijelo yamanzi, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu.

49. Iliso lam liyatyityizela, aliyeki, alinqamki,

Izililo 3