31. Ngokuba iNkosi yam ayiyi kumhlamba umntu ngonaphakade,
32. Ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo.
33. Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibènze babe nosizi oonyana babantu.
34. Ekutyunyuzweni kwababanjiweyo bonke behlabathi phantsi kweenyawo;
35. Ekulijikeni ityala lomfo phambi kobuso bOsenyangweni;
36. Ekuphenulweni komntu ekubambaneni kwakhe nomnye: iNkosi yam ayiboni na?
37. Ngubani na okhe wathetha, kwenzeka, iNkosi yam ingawisanga mthetho?
38. Akuphumi okubi nokulungileyo emlonyeni wOsenyangweni na?
39. Yini na ukuba umntu akhalaze ephilile?Umfo makakhalaze ngenxa yezono zakhe.
40. Masiziphengulule iindlela zethu, sizigocagoce, sibuyele kuYehova.
41. Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizisé kuThixo emazulwini.
42. Thina sikreqile saba neenkani; wena akuxolelanga.
43. Ùzigqubuthele ngomsindo, wasisukela; ubuléle akwaconga.
44. Ùzigqubuthele ngelifu, ukuze ungaphumeli umthandazo wethu.