25. UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo.
26. Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.
27. Kuyilungele indoda ukuba iyithwale idyokhwe kwasebutsheni bayo.
28. Mayihlale yodwa ithe cwaka, xa iyithwalisiweyo.
29. Mayiwubeke eluthulini umlomo wayo; kungábakho ithemba mhlawumbi.
30. Mayisinikele isidlele sayo koyibethayo; mayihlùthe yingcikivo.
31. Ngokuba iNkosi yam ayiyi kumhlamba umntu ngonaphakade,
32. Ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo.
33. Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibènze babe nosizi oonyana babantu.
34. Ekutyunyuzweni kwababanjiweyo bonke behlabathi phantsi kweenyawo;
35. Ekulijikeni ityala lomfo phambi kobuso bOsenyangweni;
36. Ekuphenulweni komntu ekubambaneni kwakhe nomnye: iNkosi yam ayiboni na?
37. Ngubani na okhe wathetha, kwenzeka, iNkosi yam ingawisanga mthetho?