Izililo 3:2-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Úndikhokele wandihambisa ebumnyameni, akwaba sekukhanyeni.

3. Úbuyé wasiguqulela kum ndedwa isandla sakho imini yonke.

4. Úyonakalisile inyama yam nolùsu lwam; uwaphule amathambo am.

5. Úndakhele wandirhaqa ngenyongo nendiniso.

6. Úndibele ezindaweni ezimnyama, njengabafe ngonaphakade.

7. Úndibiyele ngeenxa zonke, andinakuphuma; uwenze aba nzima amakhamandela am obhedu.

8. Noko ndikhalayo, ndizibikayo, uyawuvingcela umthandazo wam.

9. Úzibiyele iindlela zam ngamatye aqingqiweyo, uzenzé goso iingqushu zam.

10. Kum úyibhere* elalelayo, úyingonyama esezintsithelweni.

11. Úzityekisile iindlela zam, wandidlavula; undenzé inxuwa.

Izililo 3