18. Ndathi, aphelile amandla am, nokulinda kwam kuYehova.
19. Zíkhumbule iintsizi zam, nokutshutshiswa kwam, umhlonyane nenyongo.
20. Umphefumlo wam uyazikhumbula unangoku ezo zinto, usibekekile kum.
21. Oko ndikunyamekèle ngentliziyo: ngenxa yoko ndilindile.
22. Kungeenceba zikaYehova le nto singagqityelwanga, ngokuba azipheli iimfesane zakhe.
23. Zintsha imisó ngemisó; kukhulu ukuthembeka kwakhe.
24. Isabelo sam nguYehova, utsho umphefumlo wam; ngenxa yoko ndilindele kuye.
25. UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo.
26. Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.
27. Kuyilungele indoda ukuba iyithwale idyokhwe kwasebutsheni bayo.
28. Mayihlale yodwa ithe cwaka, xa iyithwalisiweyo.
29. Mayiwubeke eluthulini umlomo wayo; kungábakho ithemba mhlawumbi.