Izililo 3:12-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Úsigobile isaphetha sakhe, wandimisa ndaba yitekeni* yotolo lwakhe.

13. Úzise ezintsweni zam iintolo zomphongolo wakhe.

14. Ndisuke ndayintlekisa kubantu bonke bakowethu; ndiyingoma yabo imini yonke.

15. Úndihluthise ngeento ezikrakra, wandiseza ndahlutha umhlonyane.

16. Úwaphule ngohlalu amazinyo am; undixinzelele phantsi eluthuthwini.

17. Ùwuhlambile umphefumlo wam, awaba naluxolo; ndiyilibele into elungileyo.

18. Ndathi, aphelile amandla am, nokulinda kwam kuYehova.

19. Zíkhumbule iintsizi zam, nokutshutshiswa kwam, umhlonyane nenyongo.

20. Umphefumlo wam uyazikhumbula unangoku ezo zinto, usibekekile kum.

21. Oko ndikunyamekèle ngentliziyo: ngenxa yoko ndilindile.

22. Kungeenceba zikaYehova le nto singagqityelwanga, ngokuba azipheli iimfesane zakhe.

23. Zintsha imisó ngemisó; kukhulu ukuthembeka kwakhe.

24. Isabelo sam nguYehova, utsho umphefumlo wam; ngenxa yoko ndilindele kuye.

25. UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo.

26. Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.

27. Kuyilungele indoda ukuba iyithwale idyokhwe kwasebutsheni bayo.

Izililo 3