1. Yoo! Uhleli wodwa, umzi obantu baye bebaninzi;Obe umkhulu ezintlangeniUsuke waba njengomhlolokazi; umthethelikazi emazweniUsuke waba ngofakwa uviko.
2. Ulila elilile ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe;Akanamthuthuzeli kuzo zonke izithandane zakhe;Onke amakholwane akhe ammenezelele,Aba lutshaba kuye.
3. UYuda uye ekuthinjweni, ephuma ezintsizini nasezinkonzweni ezininzi;Yena uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla;Bonke abamsukelayo bamfikele ezingxingongweni.
4. Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabayà emithendelekweni;Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina;Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra kuyo.
5. Ababandezeli bayo basuka bayintloko; iintshaba zayo zinobunqobo;Ngokuba uYehova uyenzé yanosizi ngenxa yokreqo lwayo oluninzi;Abantwana bayo bemkile, bathinjiwe, baqhutywa ngumbandezeli.