Izenzo 9:39-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. Wesuka ke uPetros, wahamba nawo. Efikile, bamsa egumbini eliphezulu; bema ngakuye bonke abahlolokazi, belila, bembonisa ukuba zininzi kwazo iingubo zangaphantsi nezokwaleka abezenza uDorkas oko ebenabo.

40. Wabakhuphela phandle ke bonke uPetros, waguqa ngamadolo, wathandaza; waza eguqukele esidumbini wathi, Tabhita, vuka. Wawavula ke amehlo akhe; wathi akubona uPetros, wesuka wahlala.

41. Wamnika ke isandla sakhe, wamphakamisa; wababiza abangcwele nabahlolokazi abo, wammisa phambi kwabo ephilile.

42. Kwesuka ke oko kwazeka kuyo yonke iYopa; baba baninzi abakholwayo eNkosini.

43. Wathi ke wahlala imihla emininzi eYopa naSimon uthile, ungumsuki wezikhumba.

Izenzo 9