33. Wafumana ke khona umntu othile, ogama linguEneya, eminyaka isibhozo elele elukhukweni enedumbe.
34. Wathi uPetros kuye, Eneya, úyakuphilisa uYesu Kristu; vuka, wandlule. Wavuka kwaoko.
35. Bambona bonke ababemi eLida naseSharon, babuyela eNkosini.
36. Ke kaloku, eYopa kwakukho mfundikazi uthile, ugama linguTabhita, ekuthiwa ngentetho evakalayo nguDorkas;* yena lowo wayezele yimisebenzi elungileyo, nasisisa abenaso.
37. Wathi ke ngaloo mihla, wahliwa sisifo, wafa; bathe ke bakuba bemhlambile, bambeka egumbini eliphezulu.
38. Ke kaloku iLida ibikufuphi nje neYopa; bathi abafundi, bevile ukuba uPetros ukhona, bathuma amadoda amabini kuye, bembongoza ukuba eze kubo, angalibali.