1. Ke kaloku ngaloo mihla, bakubon' ukuba bayanda abafundi, kwabakho ukukrokra kwawesiGrike amaYuda ngakwawesiHebhere, ngokuba abahlolokazi bawo babesiléla ekulungiselelweni kwemihla ngemihla.
2. Bathe ke abalishumi elinababini bawubizela kubo umhlambĂ wabafundi, bathi, Akukholekile ukuba thina silishiye ilizwi likaThixo, silungiselele ezitafileni.
3. Khangelani ngoko, bazalwana, amadoda kuni abe sixhenxe, angqinelwe ukulunga, ezele nguMoya oyiNgcwele nabubulumko, esiya kuwamisela lo msebenzi;
4. ke thina siya kuzingisa ekuthandazeni nasekulungiseleleni ilizwi.