Izenzo 5:31-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Yena lowo uThixo wamphakamisa ngesandla sakhe sokunene, wanguMthetheli noMsindisi, ukuze amnike uSirayeli inguquko noxolelo lwezono.

32. Saye singamangqina akhe ezo ndawo thina, kwanoMoya oyiNgcwele, awamnika abo bamvayo yena uThixo.

33. Bathe ke bona bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, babhunga ukuba babasike.

34. Ke kaloku kwesuka kwema othile entlanganisweni yamatyala, umFarisi ogama linguGamaliyeli, umfundisi womthetho, obekekileyo kubantu bonke, wathi makhe bakhutshelwe phandle kancinane abapostile; wathi kubo,

35. Madoda, maSirayeli, zilumkeleni ngento eniza kuyenza kwaba bantu.

Izenzo 5