Izenzo 5:10-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wawa ke kwalapho ezinyaweni zakhe, waphuma umphefumlo; bangena ke abafana, bamfumana efile, bamthwalela phandle, bamngcwabela ngasendodeni yakhe.

11. Kwabakho ukoyika kulo lonke ibandla, nakubo bonke abazivayo ezi zinto.

12. Ke kaloku, ngazo izandla zabapostile kwabakho imiqondiso nezimanga ezininzi phakathi kwabantu; baye bonke bemxhelo mnye evarandeni* kaSolomon.

13. Ke kaloku, kwabanye akubangakho namnye waba nabuganga bakusinamathelisa kubo; baye abantu bebenzé bakhulu.

14. Kwaba kukhona bekongezwayo abakholwayo kwiNkosi, into eninzi yamadoda neyabafazi;

15. bada bayithwalela phandle imilwelwe ezitratweni, bayibeka ezingqengqelweni nasezinkukweni, ukuze kuthi, akubon' ukuba uPetros uyeza, kubekho kuyo ethi isityekelwe sisithunzi sakhe.

16. Yaye ke ibuthelana eYerusalem nenkitha yabemizi ejikelezileyo, ithwele imilwelwe nabakhathazwa ngoomoya abangcolileyo, ababesithi bona baphiliswe bonke.

17. Ke kaloku wesuka umbingeleli omkhulu, nabo bonke ababenaye (abangabehlelo labaSadusi), bazala ngumsindo;

18. babesa izandla abapostile, babafaka entolongweni yabantu bonke.

19. Ke kaloku isithunywa seNkosi sazivula iingcango zentolongo ebusuku, sabakhupha, sathi,

20. Hambani, niye kuma nithethe etempileni kubo abantu onke amazwi obu bomi.

Izenzo 5