Izenzo 4:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. noAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, nabo bonke abomlibo wombingeleli omkhulu.

7. Bathe bakuba bebamise phakathi, bababuza besithi, Le nto nina niyenze ngamandla mani na, nangagama lini na?

8. Wandula uPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wathi kubo, Nina baphathi babantu, nani madoda makhulu akwaSirayeli,

9. ukuba thina namhlanje sincinwa ngomsebenzi wokumsiza umntu ongumlwelwe, ukuba uthiweni na ukusindiswa:

10. makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile.

11. Nguye lo ilitye elenziwa into engento nini bakhi, elisuke laba yintloko yembombo.

Izenzo 4