4. Uthe ke uPetros, enoYohane, eqwalasele kuyo wathi, Khangela kuthi apha.
5. Yabagqala ke, ilinde ukwamkela into kubo.
6. Wathi ke uPetros, Isilivere negolide andinayo, kodwa endinako ndikunika khona: egameni likaYesu Kristu umNazarete, vuka uhambe.
7. Wayibamba ngesandla sokunene, wayivusa; zomelezeka ke kwalapho iinyawo zayo namaqatha ayo.
8. Yesuka umtsi, yema, yahambahamba, yangena nabo etempileni, ihambahamba itsiba, imdumisa uThixo.
9. Baza bonke abantu bayibona ihambahamba, idumisa uThixo;