Izenzo 3:25-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Nina ningoonyana babo abaprofeti, nabomnqophiso awanqophisana ngawo noobawo bethu uThixo, esithi kuAbraham, Yaye ke iya kusikeleleka embewini yakho yonke imizalwane yehlabathi.

26. Uthe uThixo, akuba emvusile umkhonzi wakhe uYesu, wamthuma kuni kuqala, ukuba anisikelele ngokuniguqula nonke ngabanye kwiinkohlakalo zenu.

Izenzo 3