Kuba uMoses okunene wathi koobawo, INkosi uThixo wenu iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; ze nimve yena kuzo zonke izinto asukuba eya kuzithetha kuni.