Izenzo 3:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, uPetros, noYohane babenyuka bendawonye, besiya etempileni ngexesha lomthandazo, ililixa lesithoba.

2. Kwaye ke kuthwelwe ndoda ithile, ibisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo, ababeyibeka imihla ngemihla emnyango wetempile, lowo kuthiwa Mhle, ukuba icele amalizo kwabangénayo etempileni;

3. eyathi, yakubona uPetros noYohane beza kungena etempileni, yacela ukuba bayilize.

4. Uthe ke uPetros, enoYohane, eqwalasele kuyo wathi, Khangela kuthi apha.

5. Yabagqala ke, ilinde ukwamkela into kubo.

Izenzo 3