26. Watyapha uMoya oyiNgcwele ukuthetha ngoIsaya umprofeti koobawo bethu, esithi,Hamba uye kwaba bantu, uthi,Ukuva oku niya kuva, ningakhe niqonde;Nithi nibona nje, nibone, ningakhe niqiqe.
27. Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba;Beva nzima ngeendlebe,Bewacima namehlo abo;Hleze babone ngamehlo,Beve ngeendlebe,Baqonde ngeentliziyo,Bajike, ndibaphilise.(UIsaya 6:9,10)
28. Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukaThixo luthunyelwe kuzo iintlanga; ziya kuluva zona.
29. Akuba etshilo, emka amaYuda, enembuzwano enkulu phakathi kwawo.
30. Ke kaloku, uPawulos wahlala iminyaka emibini iphela kweyakhe indlu ayiqeshileyo, wabamkela bonke ababesiza kuye,