Izenzo 27:7-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ke kaloku iintsuku zanela sihamba kancinane, kwaba ngenkankulu ukuba sifike ngaseKinido. Uthe wakuba umoya ungasivumeli ukuba sisondele, sabetha ezantsi kweKrete ngaseSalimone.

8. Saza sadlula kuyo ngenkankulu, safika ndaweni ithile kuthiwa ngamaChweba aMahle, obukufuphi kuyo umzi waseLaseya.

9. Lithe ke lakudlula ixesha elaneleyo, nokuhamba ngomkhombe kunengozi, ngenxa yokuba nozilo beluse ludlule,

10. uPawulos wamana ebalĂșleka, esithi kubo, Madoda, ndiyabona ukuba uhambo olu luza kuba nenkxwaleko nokonakala okukhulu, kungekwamthwalo namkhombe wodwa, kukokobomi bethu nabo.

Izenzo 27