Izenzo 27:25-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Kungoko ndithi, Yibani nomxhelo owonwabileyo, madoda; kuba ndiyakholwa nguThixo, ukuba kuya kuba njalo ngolo hlobo athethe ngalo kum.

26. Kodwa simelwe kukuphoseka siqithini sithile.

27. Ke kaloku, kwakufika ubusuku beshumi elinesiné, sakubon' ukuba siqhutywaqhutywa ngumoya eAdriya, mayela phakathi kobusuku, oomatrose bazindla ukuba kukho mhlaba uthile basondelayo kuwo.

Izenzo 27