Izenzo 25:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. becela ukuba abababale ngokumbiza eze eYerusalem; bemlalele ukuze bambulale endleleni.

4. Waphendula ke ngoko uFesto, wathi, ugcinwe eKesareya uPawulos; naye ke ngokwakhe uza kuya kamsinya.

5. Wathi, Mabathi ngoko abanako phakathi kwenu, behle kunye nam, bayimangalele, ukuba kukho into kule ndoda.

6. Akuba ke elibele kubo imihla engaphezu kweshumi, wehla waya eKesareya; ngengomso, akuba ehleli esihlalweni sokugweba, wathi makaziswe uPawulos.

7. Uthe ke akufika, amaYuda abehle evela eYerusalem, amngqonga, emtyhola ngamatyala amaninzi anzima uPawulos, awayengenako ukuwamisa;

8. esithi yena ukuziphendulela, Nasemthethweni wamaYuda, nasetempileni, nakuKesare,* andonanga nto.

Izenzo 25