Izenzo 25:11-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kuba okunene ukuba ndonile, ndenza into elingene ukufa, andali kufa; kodwa ukuba akukho nanye yezo zinto bandimangalela ngazo aba, akukho namnye unako ukundinikela kubo. Ndibhenele kuKesare.

12. Waza uFesto, akuba ethethe nephakathi, waphendula wathi, Ùbhenele kuKesare; ùya kuya kuKesare.

13. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kudlule imihla ethile, uAgripa, ukumkani, noBhernike bafika eKesareya, besiza kubulisa uFesto.

Izenzo 25