Izenzo 24:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Kuba siyifumene le ndoda isisifo, umphambanisi kuwo onke amaYuda akwelimiweyo, ingumkhokeli walo ihlelo lamaNazarete;

6. eyathi yalinga ukuyihlambela netempile: esathi sayibamba, safuna ukuyigweba ngowethu umthetho;

7. usuke uLisiya, umthetheli-waka, wafika, wayihlutha ngamandla amakhulu ezandleni zethu;

8. wathi, mabeze kuwe abamangaleli bayo, ongáthi wena ngokwakho, wakuzincina zonke iindawo, ube nako ukuziqonda kuye ezo siyimangalela ngazo thina.

9. NamaYuda ke avumelana naye, athi kunjalo kanye.

Izenzo 24