Izenzo 23:34-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Iyilesile ke irhuluneli, yabuza nokuba ungowabuphi na uburhulumente; ithe yakuqonda ukuba ungowelaseKiliki, yathi,

35. Ndokuva kakuhle, xa bathe bafika nabamangaleli bakho; yatsho yathi, makagcinwe endlwini yerhuluneli ebiyekaHerode.

Izenzo 23