21. Atyelwe ke ngawe, ukuba uyawafundisa onke amaYuda aphakathi kweentlanga, ukuba ahlukane noMoses, usithi, makangabalusi abantwana bawo, angahambi ngawo amasiko.
22. Kuthiweni na ke? Kakade kuya kuhlanganisana inkitha; kuba aya kuva ukuba ùfikile.
23. Ngoko yenza le nto sikuxelela yona: kukho kuthi apha amadoda amané, anesibambiso azibophe ngaso;
24. wathabathe ke, uzenze nyulu kunye nawo, ube nokudleka ngenxa yawo, ukuze agugule iintloko; bazi bonke ukuba ezo nto bazityelweyo ngawe azilutho, nawe ngokwakho uhambe uwugcinile umthetho.