Izenzo 19:37-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Kuba niwazise apha la madoda, engebaphangi batempile, nàbanyelisi bothixokazi wenu.

38. Ukuba ke ngoko uDemetriyo neengcibi ezinaye banendawo emntwini, zikho iimini zamatyala, akho namabamba; mabamangalelane.

39. Ke ukuba nifuna into nganto zimbi, yoconjululwa kwesesikweni intlanganiso.

40. Kuba sizizichenge zokumangalelwa ngesaqunge sanamhla, kungekho nasinye isizathu nje, esingaba nako ngaso ukwenza ilizwi ngale mbuthumbuthu.

41. Akutsho, wayindulula intlanganiso.

Izenzo 19