36. Zingenakuphikwa nje ke ezo zinto, nimelwe kukuthi nizole, ningenzi nanye into ngobutyhuthu-tyhuthu,
37. Kuba niwazise apha la madoda, engebaphangi batempile, nà banyelisi bothixokazi wenu.
38. Ukuba ke ngoko uDemetriyo neengcibi ezinaye banendawo emntwini, zikho iimini zamatyala, akho namabamba; mabamangalelane.
39. Ke ukuba nifuna into nganto zimbi, yoconjululwa kwesesikweni intlanganiso.
40. Kuba sizizichenge zokumangalelwa ngesaqunge sanamhla, kungekho nasinye isizathu nje, esingaba nako ngaso ukwenza ilizwi ngale mbuthumbuthu.