Izenzo 17:21-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Ke kaloku abaseAtene bonke, nabasemzini abangabahambi, babengazilibazisi nganto yimbi, ngaphandle kokuxela nokuva olona daba lutsha.

22. Wema ke uPawulos esazulwini seAreyopago, wathi:Madoda aseAtene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nincamisile ukuhlonela izithixo.

23. Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, KONGĂ€ZIWAYO UTHIXO. Lowo ngoko nimhlonelayo ningamazi, ndinazisa yena mna.

Izenzo 17