Izenzo 17:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, bakuba beyihambile iAmfipoli neApoloni, beza eTesalonika, apho yayikhona indlu yesikhungu yamaYuda.

2. Ngokwesiko ke likaPawulos wangena kuwo; waye iisabatha ezintathu exoxa nawo, ethabatha ezibhalweni, etyhila,

3. ebeka phambi kwawo ukuba uKristu* ubemelwe kukuva ubunzima, aze avuke kwabafileyo; nokuthi, Nguye ke uKristu, lo Yesu ndinazisa yena mna.

Izenzo 17