1. Ke kaloku, bakuba beyihambile iAmfipoli neApoloni, beza eTesalonika, apho yayikhona indlu yesikhungu yamaYuda.
2. Ngokwesiko ke likaPawulos wangena kuwo; waye iisabatha ezintathu exoxa nawo, ethabatha ezibhalweni, etyhila,
3. ebeka phambi kwawo ukuba uKristu* ubemelwe kukuva ubunzima, aze avuke kwabafileyo; nokuthi, Nguye ke uKristu, lo Yesu ndinazisa yena mna.