Izenzo 15:28-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungàbekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo:

29. zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.

30. Bathe ke ngoko, bakunduluka, beza kwa-Antiyokwe; bawuhlanganisa umhlambi wabazalwana, bayinikela incwadi leyo.

31. Beyilesile ke bona, baluvuyela uthuthuzelo olu.

Izenzo 15