3. Balíbala ke ngoko ixesha elaneleyo, bethetha ngokungafihlisiyo ngeNkosi, eyalingqinelayo ilizwi lobabalo lwayo, inika nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngezandla zabo.
4. Yahlulelana ke inkoliso yomzi; inxenye yangakumaYuda, inxenye yangakubapostile.
5. Bathe ke, bakubon' ukuba abeentlanga nabangamaYuda, kunye nabaphathi bawo, bangxamele ukubaphatha kakubi, babagibisele ngamatye:
6. bakúqiqa oko bona, basabela emizini yelaseLikawoni, iListra neDerbhe, nakuloo mimandla;
7. baye bezishumayela nalapho iindaba ezilungileyo.
8. Kwakuhleli ke ndoda ithile eListra, ife iinyawo, isisiqhwala kwasesizalweni sonina, ingazanga ihambe.
9. Yona leyo yayimva uPawulos ethetha; owathi, eqwalasele kuyo, ebona ukuba inokholo lokusindiswa,