19. Kuba amagunya awo asemlonyeni wawo nasemisileni yawo; kuba imisila yawo ifana neenyoka, ineentloko; ngayo áyonakalisa.
20. Amasalela abantu, abangabulawanga ngazo ezo zibetho, akaguqukanga emisebenzini yezandla zawo, ukuze angaqubudi kuzo iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezamatye, nezemithi, ezingenako nokubona, nokuva, nokuhamba;
21. akaguqukanga nasekubulaleni kwawo, nasekukhafuleni kwawo, nasembulweni wawo, nasebuseleni bawo.