Isityhilelo 7:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Emva koko ndabona izithunywa zezulu ziziné, zimi ezimbombeni zoné zomhlaba, zibambe imimoya yominé yomhlaba, ukuze kungavuthuzi moya phezu komhlaba, naphezu kolwandle, naphezu kwemithi yonke.

2. Ndabona esinye isithunywa sezulu, sinyuka sivela empumalanga, sinetywina likaThixo ophilileyo. Sadanduluka ngezwi elikhulu kuzo izithunywa zezulu zoziné, ezanikwa igunya lokuwonakalisa umhlaba nolwandle, sisithi,

3. Musani ukuwona umhlaba, nolwandle, nemithi, side sibatywine abakhonzi boThixo wethu emabunzini abo.

4. Ndaliva inani labo babetywiniwe: kwatywinwa ikhulu elinamanci mané anesiné lamawaka, kuzo zonke izizwe zoonyana bakaSirayeli.

5. Esizweni sakwaYuda kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaRubhen kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaGadi kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.

6. Esizweni sakwa-Ashere kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaNafetali kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaManase kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.

7. Esizweni sakwaSimon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaLevi kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaIsakare kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.

8. Esizweni sakwaZebhulon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaYosefu kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaBhenjamin kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.

9. Emva koko ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo,

10. bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi:Usindiso kuye uThixo wethu,Lowo uhleli phezu kwetrone,Nakuyo iMvana!

11. Zaye zonke izithunywa zezulu zimi, zenzé isangqa etroneni, nakuwo amadoda amakhulu, nakuzo izinto eziphilileyo zoné, zawa phambi kwetrone ngobuso bazo,

12. zaqubuda kuye uThixo, zisithi:Amen,Ukubongwa, nozuko, nobulumko,Nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela,Makube kuye uThixo wethu,Kuse emaphakadeni asemaphakadeni!Amen.

13. Yaphendula enye indoda enkulu, isithi kum, Aba bathiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe bangoobani na? bevela phi na?

Isityhilelo 7