Isityhilelo 5:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndabona, esandleni sokunene salowo uhleli etroneni, incwadi ibhalwe ngaphakathi nangaphandle, itywinwe ngamatywina asixhenxe.

2. Ndabona isithunywa sezulu esomeleleyo, sivakalisa ngezwi elikhulu, sisithi, Ngubani na ofanele ukuyivula incwadi, nokuwanqika amatywina ayo?

3. Akabakho namnye ezulwini, naphezu komhlaba, nangaphantsi komhlaba, unako ukuyivula incwadi, nokuyikhangela oku.

4. Ndandilila kakhulu mna, ngokuba kungafunyanwanga namnye ufanele ukuyivula nokuyilesa incwadi, nokuyikhangela oku.

Isityhilelo 5