Isityhilelo 3:20-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba úthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam.

21. Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisáyo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe.

22. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

Isityhilelo 3