Isityhilelo 3:2-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Phapha, uzizimase izinto eziseleyo eziza kufa; kuba andiyifumananga izalisekile imisebenzi yakho phambi koThixo.

3. Khumbula ngoko ukuba utheni na ukwamkela kwakho, nokuva ugcíne, uguquke. Ukuba ngoko akuthanga ulinde, ndokufikela njengesela; akusayi kulazi ilixa endokufikela ngalo.

4. Unamagama ambalwa naseSardesi apho, angazidyobhanga wona iingubo zawo; baya kuhamba nam benezimhlophe; ngokuba befanelekile.

5. Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini.

6. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

7. Isithunywa sebandla eliseFiladelfi, sibhalele uthi:Utsho oyiNgcwele, oyiNyaniso, lowo unaso isitshixo sikaDavide; lowo uvulayo kungavali namnye, avale kungavuli namnye, ukuthi:

8. Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba ùthe, únamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam.

Isityhilelo 3