13. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
14. Isithunywa sebandla eliseLawodike, sibhalele uthi:Utsho uAmen, ingqina elithembekileyo, eliyinyaniso, ingqalo yayo indalo kaThixo, ukuthi:
15. Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba ububanda, akwaba ubushushu.
16. Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.
17. Ngokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba zé;
18. ndiyakucebisa, ukuba uthenge kum igolide evutshiswe emlilweni, ukuze ube nobutyebi; neengubo ezimhlophe, ukuze wambeswe, lingabonakali ihlazo lobuzé bakho; nentambiso yamehlo, uthambise amehlo akho, ukuze ubone.
19. Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe; zondelela ngoko uguquke.