Isityhilelo 3:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Isithunywa sebandla eliseSardesi, sibhalele uthi:Utsho lowo unabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo, nazo iinkwenkwezi ezisixhenxe, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba unalo igama lokuba uphilile, ukanti ufile.

2. Phapha, uzizimase izinto eziseleyo eziza kufa; kuba andiyifumananga izalisekile imisebenzi yakho phambi koThixo.

3. Khumbula ngoko ukuba utheni na ukwamkela kwakho, nokuva ugcíne, uguquke. Ukuba ngoko akuthanga ulinde, ndokufikela njengesela; akusayi kulazi ilixa endokufikela ngalo.

Isityhilelo 3