Isityhilelo 20:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto.

12. Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.

13. Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe.

14. Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo.

15. Oko kukufa kwesibini. Wathi ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi, waphoswa edikeni lomlilo.

Isityhilelo 20