Isityhilelo 19:19-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ndalibona irhamncwa, nookumkani bomhlaba, nemikhosi yabo, ihlanganisene ukwenza imfazwe nalowo uhleli ehasheni, nomkhosi wakhe.

20. Labanjwa ke irhamncwa; kunye nalo kwabanjwa umprofeti obuxoki, lowo wayenzayo imiqondiso emehlweni alo, wabalahlekisa ngayo abo balwamkeláyo uphawu lwerhamncwa, nabo báqubuda kuwo umfanekiselo walo; baphoswa behleli abo bobabini edikeni lomlilo elivutha isulfure.

21. Abaseleyo babulawa ngekrele lalowo uhleli ehasheni, ikrele elo luphumayo emlonyeni wakhe; zathi zonke iintaka zahlutha yinyama yabo.

Isityhilelo 19