Isityhilelo 16:8-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Saza esesiné isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elangeni; sanikwa igunya lokutshisa abantu ngomlilo.

9. Batsha abantu bubushushu obukhulu; balinyelisa igama likaThixo, onalo igunya kwezo zibetho; àbaguquka bamzukise.

10. Saza esesihlanu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso etroneni yerhamncwa; baba mnyama ubukumkani balo; bamana beziluma iilwimi ngenxa yeentlungu;

11. bamnyelisa uThixo wamazulu ngenxa yeentlungu zabo, nangenxa yezilonda zabo: àbaguquka emisebenzini yabo.

12. Saza esesithandathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emlanjeni omkhulu ongumEfrati; atsha amanzi awo, ukuze ilungiswe indlela yookumkani abo bavela empumalanga.

13. Ndabona kuphuma emlonyeni wenamba, nasemlonyeni werhamncwa, nasemlonyeni womprofeti wobuxoki, oomoya abathathu abangcolileyo, befana namasele.

14. Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; àbaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.

15. Yabona, ndiza njengesela. Únoyolo lowo uphaphileyo, uzigcinayo iingubo zakhe, ukuze angahambi zé, balibone ihlazo lakhe.

16. Babahlanganisela endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon.

17. Saza esesixhenxe isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso esibhakabhakeni; kwaphuma izwi elikhulu, livela etempileni yamazulu, livela etroneni, lisithi, Kwenzekile.

Isityhilelo 16