5. Ndeva isithunywa samanzi, sisithi:Ùnobulungisa, Nkosi, wena ukhoyo, wawukho, uyingcwele, ngokuba ugwebile wenjenje;
6. Ngokuba baliphalazile igazi labangcwele nelabaprofeti;Wabanika igazi ukuba balisele, ngokuba belifanele.
7. Ndeva esinye siphuma esibingelelweni, sisithi:Ewe, Nkosi, Thixo Somandla,Iyinyaniso, inobulungisa imigwebo yakho.
8. Saza esesiné isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elangeni; sanikwa igunya lokutshisa abantu ngomlilo.
9. Batsha abantu bubushushu obukhulu; balinyelisa igama likaThixo, onalo igunya kwezo zibetho; àbaguquka bamzukise.
10. Saza esesihlanu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso etroneni yerhamncwa; baba mnyama ubukumkani balo; bamana beziluma iilwimi ngenxa yeentlungu;
11. bamnyelisa uThixo wamazulu ngenxa yeentlungu zabo, nangenxa yezilonda zabo: àbaguquka emisebenzini yabo.