Isityhilelo 14:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Saza esesithathu isithunywa sezulu sazilandela zona, sisithi ngezwi elikhulu, Ukuba umntu uyalinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe:

10. yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe, athuthunjiswe ngomlilo nesulfure phambi kwezithunywa ezingcwele, naphambi kweMvana.

11. Umsi wokuthuthunjelwa kwabo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni; àbanakuphumla imini nobusuku abo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, nomntu ukuba uthi alwamkele uphawu lwegama lalo.

12. Nalu unyamezelo lwabangcwele; nabá abayigcinàyo imithetho kaThixo nokukholwa kuYesu.

13. Ndeva izwi liphuma emazulwini, lisithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abafi, abo bafela eNkosini, kuthabathela apha; ewe, utsho uMoya, ukuba baphumle ekubulalekeni kwabo; imisebenzi yabo ke ilandelana nabo.

14. Ndabona, nalo ilifu elimhlophe; elifini apho kuhleli ofana noNyana woMntu, enesithsaba segolide entloko, esandleni sakhe enerhengqa elibukhali.

15. Kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni, sidanduluka ngezwi elikhulu kulo uhleli efini, sisithi, Lifake irhengqa lakho, uvune; ngokuba lifikile kuwe ilixa lokuvuna; ngokuba ukudla komhlaba kuvuthiwe.

16. Lowo uhleli efini waliphosa irhengqa lakhe emhlabeni; wavunwa ke umhlaba.

17. Kwaza kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni esemazulwini, naso sikwanerhengqa elibukhali.

18. Kwaphuma esinye isithunywa sezulu esibingelelweni, sinegunya kuwo umlilo; sabiza ngonkqangazo olukhulu kweso sinerhengqa elibukhali, sisithi, Lifake irhengqa lakho elibukhali, ubuthe izihloko zomdiliya womhlaba, ngokuba iidiliya zawo zigqibele ukuvuthwa.

Isityhilelo 14