1. Ndabona, nantso iMvana imi phezu kwentaba yeZiyon, kumi nayo ikhulu elinamanci mané anesiné lamawaka, benalo igama loYise libhaliwe emabunzini abo.
2. Ndeva izwi liphuma ezulwini, lingathi sisandi samanzi amaninzi, lingathi sisandi sendudumo enkulu. Ndeva nezwi lababethi beehadi, bebetha iihadi zabo;
3. bevuma ingoma engathi intsha, phambi kwetrone, naphambi kwezinto eziphilileyo zoné, namadoda amakhulu; kwaye kungekho namnye unako ukuyifunda ingoma leyo, lingelilo ikhulu elinamanci mané anesiné lamawaka, ababethengiwe emhlabeni.
4. Aba ngabo bangadyobhekanga ngabafazi, kuba benyulu. Aba ngabo bayilandelàyo iMvana apho isukuba isiya khona. Aba báthengwa bephuma ebantwini, baziintlahlela kuye uThixo nakuyo iMvana.
5. Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala.