1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2. Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, babakhuphe eminqubeni bonke abaneqhenqa, nabo bonke ababhobhozayo, nabo bonke abaziinqambi ngofileyo;
3. oyindoda noyinkazana, nobakhuphela phandle kweminquba, bangayenzi inqambi iminquba yabo, endihleli phakathi kwayo.
4. Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli, babakhuphela phandle kweminquba; njengoko uYehova wathethayo kuMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.
5. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
6. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Indoda nokuba yinkazana, xa bathe benza isono kwizono zonke zoluntu, ngokuthi bameneze kuYehova, yazeka ityala ke loo miphefumlo,