Inumeri 4:29-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Oonyana bakaMerari wobabala ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,

30. bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; nĂ²babala bonke abeza kuphuma umkhosi, basebenze ententeni yokuhlangana.

31. Siso esi isigxina sokuthwala kwabo, ekusebenzeni kwabo konke ententeni yokuhlangana: iiplanga zomnquba, nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo,

32. neentsika zentendelezo ngeenxa zonke, neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo, ngokwempahla yazo yonke, nangokomsebenzi wazo wonke; nizibhale ngamagama iimpahla zesigxina sokuthwala kwabo.

Inumeri 4