29. Oonyana bakaMerari wobabala ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
30. bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; nĂ²babala bonke abeza kuphuma umkhosi, basebenze ententeni yokuhlangana.
31. Siso esi isigxina sokuthwala kwabo, ekusebenzeni kwabo konke ententeni yokuhlangana: iiplanga zomnquba, nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo,
32. neentsika zentendelezo ngeenxa zonke, neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo, ngokwempahla yazo yonke, nangokomsebenzi wazo wonke; nizibhale ngamagama iimpahla zesigxina sokuthwala kwabo.