Inumeri 4:28-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana. Isigxina sabo soba sesandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.

29. Oonyana bakaMerari wobabala ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,

30. bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; nòbabala bonke abeza kuphuma umkhosi, basebenze ententeni yokuhlangana.

31. Siso esi isigxina sokuthwala kwabo, ekusebenzeni kwabo konke ententeni yokuhlangana: iiplanga zomnquba, nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo,

32. neentsika zentendelezo ngeenxa zonke, neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo, ngokwempahla yazo yonke, nangokomsebenzi wazo wonke; nizibhale ngamagama iimpahla zesigxina sokuthwala kwabo.

33. Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaMerari, ngokomsebenzi wabo wonke ententeni yokuhlangana, esandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.

34. OoMoses noAron nezikhulu zebandla bababala ke oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,

35. bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.

36. Ababalwáyo kubo ngokwemizalwane yabo baba ngamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, anamanci mahlanu.

Inumeri 4