28. Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana. Isigxina sabo soba sesandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
29. Oonyana bakaMerari wobabala ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
30. bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; nòbabala bonke abeza kuphuma umkhosi, basebenze ententeni yokuhlangana.
31. Siso esi isigxina sokuthwala kwabo, ekusebenzeni kwabo konke ententeni yokuhlangana: iiplanga zomnquba, nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo,
32. neentsika zentendelezo ngeenxa zonke, neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo, ngokwempahla yazo yonke, nangokomsebenzi wazo wonke; nizibhale ngamagama iimpahla zesigxina sokuthwala kwabo.
33. Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaMerari, ngokomsebenzi wabo wonke ententeni yokuhlangana, esandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
34. OoMoses noAron nezikhulu zebandla bababala ke oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
35. bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.
36. Ababalwáyo kubo ngokwemizalwane yabo baba ngamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, anamanci mahlanu.