26. namawunduwundu entendelezo, nesisitheliso sokungena kwesango lentendelezo, esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo, nempahla yonke yomsebenzi wabo, nento yonke eyenzelwe ukuba basebenze ngayo.
27. Wóba ngokomlomo ka-Aron noonyana bakhe wonke umsebenzi woonyana bakaGershon, ekuthwaleni kwabo konke nasekusebenzeni kwabo konke, nibenze bavelele bakugcine konke ukuthwala kwabo.
28. Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana. Isigxina sabo soba sesandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
29. Oonyana bakaMerari wobabala ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
30. bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; nòbabala bonke abeza kuphuma umkhosi, basebenze ententeni yokuhlangana.
31. Siso esi isigxina sokuthwala kwabo, ekusebenzeni kwabo konke ententeni yokuhlangana: iiplanga zomnquba, nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo,
32. neentsika zentendelezo ngeenxa zonke, neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo, ngokwempahla yazo yonke, nangokomsebenzi wazo wonke; nizibhale ngamagama iimpahla zesigxina sokuthwala kwabo.
33. Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaMerari, ngokomsebenzi wabo wonke ententeni yokuhlangana, esandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
34. OoMoses noAron nezikhulu zebandla bababala ke oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
35. bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.
36. Ababalwáyo kubo ngokwemizalwane yabo baba ngamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, anamanci mahlanu.
37. Ngabo abo ababalwáyo kwimizalwane yakwaKehati; bonke abo basebenzayo ententeni yokuhlangana, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
38. Ababalwáyo koonyana bakaGershon ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
39. bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana,
40. ababalwáyo kubo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, baba ngamawaka amabini, anamakhulu mathandathu, anamanci mathathu.