Inumeri 4:22-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Libale inani loonyana bakaGershon nabo, ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo,

23. bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; wobabala bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.

24. Nguwo lo umsebenzi wemizalwane yakwaGershon wokusebenza nokuthwala:

25. bothwala amalengalenga omnquba, nentente yokuhlangana, isigubungelo sayo, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi esiphezu kwaso ngaphezulu, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana,

Inumeri 4